ISIHLOMELO 12
IBHODI YOBUCHULE YENZULULWAZI NGENGQONDO
IMITHETHO YOKUZIPHATHA EPHATHELELE NGOKUKODWA KUMSEBENZI WENZULULWAZI NGENGQONDO
Igcisa lenzululwazi ngengqondo kufuneka libambelele kule mithetho yokuziphatha ilandelayo ukongeza kwimithetho ebhekiselele kwimithetho yesi-2 ukuya kuma-27. Intsilelo yokungathobeli imithetho yokuziphatha kwelo ligcisa lenzululwazi ngengqondo iya kumisela isenzo okanye ukungenzi apho ibhodi iya kuthatha amanyathelo olwaluleko ngokuphathelele kwiSahluko IV somThetho.
Iinkcazelo
Kule mithetho, naliphi igama okanye isigama apho intsingiselo inikwe kumThetho iya kuba naloo ntsingiselo, ngaphandle kokuba ichazwa ngenye indlela ngokuphathelele kwimeko-
unaniselwano" kukwamkela kumxumi iimpahla, iinkonzo okanye omnye umvuzo ongeyomali njengembuyekezo yeenkonzo zomsebenzi wenzululwazi ngengqondo;
ibhodi" ithetha iBhodi yoBuchule/msebenzi beNzululwazi ngengqondo emiselwe kwigatya le-15 lomThetho;
abantwana" ngabantu abaneminyaka eli-14 nabangaphantsi lize igama "umntwana" linentsingiselo efanayo;
umxumi" ngumsebenzi weenkonzo zenzululwazi ngengqondo nokokuba umamkeli wezo nkonzo uyedwa, yintsapho, liqela, ngumbutho okanye luluntu ubuchule" bubugcisa bokwenza izenzo zenzululwazi ngengqondo njengoko liqeqeshwe njalo igcisa lenzululwazi ngengqondo laze lafumana isiqinisekiso njengoko kumiselwe ngumThetho;
ulwazi oluyimfihlo" naluphi ulwazi olugqithiswe ngumxumi, liqabane, ngumthombo wesibini okanye omnye umsebenzi;
ikomiti yezempilo" yikomiti eyamiselwa libhunga ngokwegatya 10 nemimiselo eyenziwe phantsi kwegatya lama-61lomThetho;
ugqirha omtsha osafundayo" ngumntu obhalisiweyo njengomfundi omtsha kwinzululwazi ngengqondo phantsi komThetho;
iinkonzo zenzululwazi ngengqondo" zizenzo zohlolo lwenzululwazi ngengqondo, ukuqonda isifo ngokuxilonga nongenelelo olunikwa umxumi;
igcisa lenzululwazi ngengqondo" kuquka umntu obhalisileyo phantsi komThetho njengegcisa lenzululwazi ngengqondo, umcebisi obhalisileyo, ipsychometrist, igcisa lesycho, umntu osemtsha osafundayo kwinzululwazi ngenqondo nomfundi kumsebenzi wenzululwazi ngengqondo;
umcebisi obhalisileyo" ngumntu obhalisileyo njengomcebisi obhalisileyo ngokomThetho;
igatya" ligatya lomThetho;
Ukuhlupha ngokwesini" nasiphi isenzo sokubongoza ngokwesini, ukuba nomnqweno okanye ukuziphatha okungamkelekanga kwegcisa lenzululwazi yengqondo ngendlela yomnqweno enelizwi okanye engenalizwi ngexesha lemisebenzi yalo yobuchule okanye ukuziphatha okukhubekisayo okanye okwenza imeko engenakumelwa emsebenzini okanye kummandla wemfundo;
umfundi" ngumntu obhalise phantsi komThetho njengemfundi kumsebenzi wenzululwazi ngengqondo;
ulwazi lovavanyo" imithetho yovavanyo, iifomu zokurekhoda, iskora namanqaku ngokuphathelele kwiimpendulo zabantu kwizinto zovavanyo nangayo nayiphi indlela;
ummiselo" kuthetha imithetho.
ISAHLUKO 1
UBUCHULE BOMSEBENZI
Jikelele
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuvelisa, liya kugcina lize likhuthaze imigangatho ephakamileyo yobuchule bomsebenzi ukuqinisekisa ukuba abaxumi bakhuselwe kwimisebenzi yobuchule engafikeleliyo kwimigangatho yezenzo engcono yezizwe ngezizwe neyesizwe.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kumela izenzo zomsebenzi kuyo yonke imimandla yobomi bomsebenzi walo.
Imida yobuchule
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kunyina imisebenzi yalo kwimimandla ekwimida yobuchule balo obusekelwe kwimfundo yalo esesikweni, kuqeqesho, kumava okongamela kunye/okanye amava obuchule afanelekileyo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuqinisekisa ukuba umsebenzi walo usekelwe kulwazi lobuchule nolwenzululwazi lommandla wenzululwazi ngengqondo.
Ukugcina ubuchule
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kugcina ubuchule bamaxesha anamhlanje ngophuhliso lobuchule obuzingileyo ngokucebisana kunye/okanye ngezinye iinkqubo ezihambisana nemigangatho yangoku yolwazi lwenzululwazi okanye lobuchule.
Ukongeza ubuchule obutsha
 Xa igcisa lenzululwazi ngengqondo liphuhlisa ubuchule kwinkonzo yenzululwazi ngengqondo okanye ubuchule obutsha kuye okanye obutsha kumsebenzi liya kuzibandakanya kukucebisana namanye amagcisa enzululwazi ngengqondo okanye eminye imisebenzi efanelekileyo kwaye liya kufuna lize lifumane uqeqesho nemfundo efanelekile kuloo mmamdla mtsha.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuxelela umxumi ngesimo esitsha esingeniswayo nangeengozi ezaziwayo ezinxulumene neenkonzo ezintsha zenzululwazi ngengqondo okanye ubugcisa ukuze umxumi abe nenkululeko yokukhetha kwezo nkonzo okanye ukwenziwa kobugcisa.
Iimeko ezingaqhelekanga
Igcisa lenzululwazi ngengqondo lingacelwa ngexesha likaxakeka ukuba linikezele ngeenkonzo zenzululwazi ngengqondo elingazange lafumana buchule bufanelekileyo kuzo, lize linike ezo nkozo ukuqinisekisa ukuba umxumi akakhange alelwe iinkonzo.
Ukonakalisa kwalo
Ngokwengcamango yekomiti yezempilo igcisa lenzululwazi ngengqondo libonakala lithotha njengoko kuchazwe kumThetho-
a liya kuyeka ukwenza imisebenzi yobugcisa xa kunokwenzeka ukuba iimeko zalo ukuquka iimeko zengqondo nezokuchukumiseka okanye iingcamango zokusebenzisa kakubi izinto okanye amayeza zingalithintela ekwenzeni imisebenzi yobugcisa enjalo ngendlela yobuchule;
b liya kubonisela kwimiqondiso lize lifumane uncedo lobuchule olufanelekileyo kwangethuba ukuthintela ukwenza okonakalisayo kwaye c ukuba liziqaphele iimeko zalo ezinokuphazamisa ukwenza kwalo imisebenzi yobuchule ngokwaneleyo liya kuthatha amanyathelo afanelekileyo afana nokucebisana nokufumana uncedo lwegcisa ngokumiselwa yikomiti yezempilo ukumisela ukuba linyine , limise okanye liphelise imisebenzi yalo lobuchule.
Ukugunyaziswa komsebenzi
Igcisa lenzululwazi ngengqondo eligunyazisa umsebenzi kubasebenzi , koomonganyelwa , kwipsychometrist, kumcebisi obhalisiweyo okanye kumcedisi kuphando okanye wokufundisa uya kuthatha onke amanyathelo afanelekileyo -
a okuphepha ukugunyazisa loo msebenzi kumntu onolwalamano oluninzi nomxumi olunokukhokelela kukuzisebenzisela okanye ukulahleka kokwenza okungaqhutywa luluvo;
b okugunyazisa kuphela ezo mfanelo loo mntu ekulindelwe ukuba azenze ngokusekelwe kwimfundo yakhe, kuqeqesho nakumava; kwaye c okuqinisekisa ukuba loo mntu wenza ezo nkonzo ngobuchule.
Ukusebenzisa iitoliki
 Xa kucaca ukuba umxumi akanabuciko kulwimi lwegcisa lenzululwazi ngengqondo igcisa liya kucebisa umxumi ukuba kusetyenziswe kwetoliki.
Itoliki ebandakanywe ligcisa ngokomthethwana 1 iya kuba nobuciko kwiilwimi ezimbini ubuncinane ize ibe nobuchule ngakumbi kulwimi olukhethwe ngumxumi.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo elibandakanye itoliki ngokomthethwana 1 liya kuthatha amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba -
a Itoliki ayinabudlelwane buninzi nomxumi obandakanyekayo obunokukhokelela kukuzisebenzisela okanye ukulahleka kokwenza okungaqhutywa luluvo kwaye b Itoliki yenza imisebenzi yokutolika ngobuchule.
ISAHLUKO 2
UNXULUMANO LOMSEBENZI
Ukuhlonipha amalungelo oluntu nawabanye
Kwimisebenzi yalo yobuchule igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuhlonipha isidima nokuxabiseka komxumi lize lizame ukukhusela amalungelo asisisseko omxumi.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuhlonipha ilungelo lomxumi lokugcina ukuxabiseka, izimvo/iimbono , iinkolo neengcamango ezahlukileyo kwezalo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kunakana ilungelo loluntu elingenakususwa lomxumi kumzimba nakubulungisa benzululwazi ngengqondo, ukuquka ukhuseleko nolawulo lomzimba wakhe nomntu kunye namalungelo omxumi kungaxhomekekanga nakweyiphi inkqubo okanye umfuniselo ngaphandle kwemvume yakhe ngokubhekiselele kumthetho we-11 kwaye loo mthetho uya kusebenza kwaye unikwe ngolwimi eliqondwa lula ngumxumi.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo aliyi kumnyanzela umxumi ukuba avume ukunikwa iinkonzo zenzululwazi ngengqondo okanye limnyanzele umxumi ukuba anike ubungqina bokuzibeka ityala ngokusebenzisa ubuchule benzilulwazi ngengqondo okanye ngenye indlela.
Imvume eyazisayo kwiinkqubo zomsebenzi
 Xa igcisa ngenzululwazi ngengqondo lisenza uphando okanye ukunika uhlolo, ukunyanga izifo zengqondo ngaphandle kwamayeza okanye ukucebisa okanye iinkonzo zokucebisana ekho umntu okanye ukucebisana okuhamba ngombane okanye ezinye iindlela zonxibelelwano liya kufumana imvume eyazisayo yomxumi lowo kusetyenziswa ulwimi olugqondwa ngokufanelekileyo ngumxumi lowo.
Nakubeni umxholo wemvume eyazisayo ebhaliweyo ebhekiselelwe kumthethwana 1 iya kwahlukana ngokuxchomekeke kwiimeko imvume eyazisayo ifuna ukuba umxumi -
a unesikhundla kuvumelwano;
b unikwe ulwazi oluphathelele kukuthatha inxaxheba kumsebenzi onokulindelwa ukuba umchukumise okanye avume ukuthatha inxaxheba kuqukwa neemfuno zemfihlo nemali okanye ezinye iindleko okanye umvuzo;
c uyasazi isimo sokuzithandela ukuba athathe inxaxheba kwaye akhululeke ukunika imvume yakhe ngaphandle kokuphenjelelwa, aze d abe nethuba lokubuza imibuzo nokunikwa iimpendulo ngokuphathelele kwimisebenzi ebandakanyekayo:
Nokokuba umxumi akanako ukunika imvume eyazisayo ngokwasemthethweni, igcisa lenzululwazi ngegqondo -
i liya kunika ingcaciso efanelekileyo;
ii liya kufuna imvume yomxumi;
iii liya kucingela iinketho zalo mxumi kunye nemidla yomxumi engcono, kwaye iv liya kufumana imvume efanelekileyo kumntu ogunyaziswe ngokwasemthethweni ukuba anike imvume ukuba imvume yaloo bambela ivunyelwe okanye ifunwa ngumthetho kwaye igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuthatha onke amanyathelo afanelekileyo okukhusela amalungelo nentlalo-ntle yomxumi.
Xa iinkonzo zenzululwazi ngengqondo ziyalelwe yinkundla okanye zifunwa lulawulo okanye ziyalelwe ngokulamla igcisa lenzululwazi ngengqondo liya -
a kuxelela umntu lowo ubandakanyekayo ngesimo seenkonzo ezilindelweyo phambi kweenkqubo ukuquka okokuba iinkonzo ziyalelwe okanye kukho okulindelweyo kwiimfuneko zemfihlo; kwaye b uxwebhu olufanelekileyo , imvume ngomlomo, okanye ukuvuma.
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kunika umxumi umsebenzi, umthabathi-nxaxheba kuphando, umonganyelwa , umfundi, umqeqeshwa nokokuba ngubani omnye umntu onegunya lokuziphatha okunengcinga esoloko isetyenziswa, iinqobo ezisemgangathweni, iindima ezinxulumene nobudala, inkolelo, ukuzala, isazela, ibalai nkcubeko, ukukhubazeka, isifo, imvelaphi yobuhlanga okanye yentlalo, isini, ulwimi, isimo somtshato, ukukhulelwa, uhlanga, inkolo, ukuziqhelanisa ngokwesini, isimo soqoqosho-ntlalo okanye nayiphi imeko ethintelwa ngumthetho.
Igcisa lenzululwazi alisayi kucalula ngokungenabulungisa kusekelwe kubudala, , kwinkolelo, kukuzala, kwisazela,kwibala, kwinkcubeko, kukukhubazeka, kwisifo, kwimvelaphi yobuhlanga okanye yentlalo, kwisini, kulwimi, kwisimo somtshato, kukukhulelwa, kuhlanga, kwinkolo, kukuziqhelanisa ngokwesini, kwisimo soqoqoshp-ntlalo okanye nayiphi imeko ethintelwa ngumthetho.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kwenza zonke iinzame zokuqinisekisa iinkonzo ezifanele ulwimi, ezifanele inkcubeko ziyafunyanwa ngumxumi kwaye imigangatho eyamkelekileyo yobuchule bolwimi iyafezekiswa ekunikezelweni kweenkonzo kumxumi onolwimi lwakhe lokuqala elahlukil;yo kwelegcisa ngenzilulwazi ngengqondo.
Ukuhlupha ngokwesini
Ingcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kuba natyala lokuhlupha ngokwesini.
Okunye ukuhlupha
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kuziphatha ngendlela ehlupha okanye ukuthoba abantu asebenzisana nalo emsebenzini walo ngokusekelwe kwiimeko ezifana nobudala bomntu, kwinkolelo, kukuzala, kwisazela, kwibala kwinkcubeko, kukukhubazeka, kwisifo, kwimvelaphi yobuhlanga okanye yentlalo, kwisini, kulwimi, kwisimo somtshato, kukukhulelwa, kuhlanga, kwinkolo, kukuziqhelanisa ngokwesini, okanye kisimo soqoqosho-ntlalo.
Ukuphepha ukwenzakala
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuthatha onke amanyathelo afanelekileyo okuphepha ukwenzakalisa umxumi, umqeshi, umthabathi-nxaxheba kuphando, umfundi, umonganyelwa, umqeqeshwa okanye abanye abantu elisebenza nabo ukuquka ukwenzakalisa ukuphatha kakubi ngokukhetha , ukuhlupha okanye unyanzeliso.
Impikiswano yomdla
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuyeka ukwenza indima yomsebenzi xa umdla walo, umdla ngokwasemthethweni, ngokwenzululwazi, ngokwemali okanye eminye imidla okanye ulwalamano olunokulindelwa ngokufanelekileyo ukuba-
a lonakalise ukuqhutywa kwalo luluvo, ubuchule, okuba nentsingiselo ekwenzeni imisebenzi yalo; okanye b lityhilele umxumi obandakanyekayo kwingozi okanye kukusetyenziselwa.
Izicelo senkonzo ngumntu wesithathu
 Xa igcisa lenzululwazi ngengqondo livuma ukunika inkonzo yenzululwazi ngengqondo kumxumi ngesicelo somntu wesithathu igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kucacisa kwangoko kuloo nkonzo isimo solwalamano seqela ngalinye elibandanyekayo (okokuba ngulowo nalowo okanye imibutho).
Ingcaciso ibhekiselele kumthethwana 1 oya kuqulatha indima yegcisa lenzululwazi ngengqondo ingcali yokunyanga, umcebisi, umxilongi wezifo, ingqina eliligcisa yokusetyenziswa kwenkonzo yenzululwazi ngengqondo enikiweyo okanye ulwazi olufunyenweyo kunye nokuba kungakho izinxaxhi kwiimfuneko zemfihlo.
Ukuba kukho ingozi ezibonwe ngex' elingaphambili zokubizwa kwegcisa lenzululwazi ngengqondo ukuza kuzalisekisa iindima eziphikisanayo ngenxa yokubandakanyeka komntu wesithathu igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kucacisa isimo okanye iimfanelo zalo, ukuxelela onke amaqela ngokufanelekileyo njengoko imicimbi ivela nokusombulula imeko ngokwale mithetho.
Ubudlelwane obuninzi
 Ubudlelwane obuninzi benzeka xa igcisa lenzululwazi ngengqondo lizalisekisa indima yomsebenzi kumntu okanye kumbutho lize ngaxeshanye-
a lizalisekise okanye lenze enye indima ngokuphathelele kuloo mntu okanye kumbutho;
b linobudlelwane nomntu okanye nombutho onxulumene ngokusondeleyo okanye lizalana nomntu okanye umbutho elinolwalamano lomsebenzi nawo; okanye c lithembisa ukungena kobunye ubudlelwane nomntu lowo okanye umbutho okanye umntu okanye umbutho onxulumene ngokusondeleyo okanye liyazalana nomntu okanye umbutho.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuyeka ukungena kulwalamano oluninzi ukuba ulwalamano oluninzi lungalindeleka ukuba lonakalise ukungaqhutywa luluvo kwegcisa lenzululwazi ngengqondo, ubuchule balo, ukwenza ngokufanelekileyo okanye imisebenzi yalo njengegcisa lenzululwazi ngengqondo okanye oko kungabangela ingozi yokusetyenziselwa okanye ukwenzakalisa umntu okanye umbutho apho kunokubakho ulwalamano lomsebenzi.
Ukuba igcisa lenzululwazi ngengqondo lifumanisa ukuba kungakho ubudlelwane obuninzi obunengonzi ebebungabonwanga liya kuzama ukusombulula ingxaki kweyona midla ingcono yomxumi obandakanyekayo nokuthobela okukhulu kule mithetho.
Kwiimeko ezibhekiselele kumthethwana 3 igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuncedisa umxumi ukuba afumane iinkonzo zelinye igcisa lize lingangeni nakuluphi unxulumano naloo mxumi kude kuphele iinyanga ezingamashumi amane ubuncinane emva kokuphela koloo lwalamano luninzi: ngaphandle kokuba umxumi uchukumisekile okanye unokwenzakala ngokucingayo okukuphenjelelwa lelo ligcisa lenzululwazi ngengqondo kwaye olo lwalamano alusayi kumiselwa phakathi komxumi negcisa lenzululwazi ngengqondo.
Xa igcisa lenzululwazi ngengqondo lifunwa ngumthetho, ngumgaqo weziko okanye zezinye iimeko ukuzalisekisa iindima ezingaphezulu kwesinye kwiinkqubo zobulungisa okanye zolawulo liya kucacisa indima yokulindelweyo kwangoko kunye nakuphi ukulindelwa kwiimfuneko zemfihlo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kuzisebenzisela umntu elimongamelayo, elimvavanyayo okanye elinye igunya elifana nomxumi, umqeshi, umthathi-nxaxheba kuphando, umfundi , omonganyelwa okanye umqeqeshwa .
Intsebenziswano namanye amagcisa
Apho kuchaziwe kwaze ngobuchule obufanelekileyo igcisa lenzululwazi ngengqondo liya -
a kusebenzisana namanye amagcisa ngokuvunywa yibhodi ukuze lincede umxumi walo kakuhle nangokufanelekileyo; lize b licwangcise ukucebisana okufanelekileyo kunye nokuthunyelwa ngokusekelwe kwimidla engcono yomxumi walo ngokwaloo mvume nezinye iingcinga ezifanelekileyo, kodwa zifaneleke zinjalo zingaquka imfanelo lelo yomthetho neyesivumelwano.
Ukuphazamiseka kweenkonzo zenzululwazi ngengqondo
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alinakuyeka umxumi ngokuphelisa ulwalamano lomsebenzi ngequbuliso, kodwa -
a liya kwenza ulungiselelo olufanelekileyo nelinye igcisa ukuba lisebenze ngeemfuno zomxumi kwisehlo sexesha likaxakeka ngamaxesha ebenokubonwa ngex' elingaphambili apho igcisa lingazukubakho; lize b liya kwenza inzame efanelekileyo yokuyila ukuqhubekeka kwenkonzo ukuba loo nkonzo iphazanyiswe zimeko ezifana nokugula kwalo, ukufa, ukungafumaneki okanye ukumiswa kwenye indawo okanye ukumiswa komxumi kwenye indawo okanye ukunyinwa kwemali.
Iinkonzo zenzululwazi ngengqondo ezinikwe ngokombutho
 Igcisa ngenzululwazi ngengqondo elinika iinkonzo zenzululwazi ngengqondo kumbutho okanye ngombutho liya kunika umxumi kwangaphambili ulwazi olumalunga-
a nesimo kunye neenjongo zeenkonzo zenzululwazi ngengqondo ezibandakanyekayo;
b ulwalamano phakathi kwegicisa lenzululwazi ngengqondo kunye nomntu ngamnye ochukunyiswa ziinkonzo zenzululwazi ngengqondo ezibandakanyekayo;
c ukusetyenziswa kolwazi lwenzululwazi ngengqondo olunikwe ngumxumi;
d abantu abaya kufikelela kolo lwazi luchazwe kumhlathi c; kunye e izinxaxhi kwiimfuneko zemfihlo.
Kangangoko kunokwenzeka igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kunika abantu abafanekileyoo kulwazi iziphumo nezigqibo zenkonzo yenzululwazi ngengqondo ebandakanyekayo kwaye ukuba umthetho okanye imithetho yombutho ayilivumeli igcisa lenzululwazi ngengqondo ukuba linike abo bantu okanye iqela ulwazi, igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuxelela kwangoko abo bantu okanye amaqela abandakanyekayo inkonzo yenzululwazi ngengqondo.
Ukuthuma nokongamela iinkonzo zenzululwazi ngengqondo
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kugunyazisa iimfanelo zomsebenzi kuwo nawuphi umntu ongafanelekanga ukuba enze ezo mfanelo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo lingagunyazisa iimfanelo zomsebenzi kuphela kumonganyelwa okumgangatho ofanelekileyo ukuba loo monganyelwa angalindeleka ngokufanelekileyo ukuba enze ngobuchule kwaye ngokusesikweni kusekelwe kwimfundo, kuqeqesho nakumava wakhe.
Ukuze umonganyelwa enze iimfanelo ngokokuchazwa ngumthethwana 2, kufuneka abe nemfundo noqeqesho oliqinisekiswe yibhodi ukuquka noqeqesho kwimibandela esesikweni.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuba nemfanelo yokumisela ubuchule bukamonganyelwa kwaye alisayi kunika loo monganyelwa okanye alisayi kumvumela ukuba enze iimfanelo ezingaphaya kommandla woqeqesho lwakhe kunye/okanye ubuchule.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuba nemfanelo yokunika umonganyelwa imiyalelo eyodwa ephathelele kwimida yendima yakhe njengomonganyelwa.
Umonganyelwa uya kuxelela ngokupheleleyo umxumi ofumana iinkonzo zenzululwazi ngengqondo yewonga lakhe lobumonganyelwa kunye nelungelo lomxumi lokuxoxa negcisa lenzululwazi ngengqondo elongameleyo malunga nayo nayiphi ingqiqo yeenkonzo zenzululwazi ngengqondo ezenziwayo.
Xa kunikwa inkonzo yenzululwazi ngengqondo yekliniki igcisa lenzululwazi ngengqondo liya -
a kuthatha inxaxheba kwinkqubo yolwamkelo yegcisa lenzululwazi ngengqondo;
b lenze uxilongo ngokwalo xa uxilongo lufuneka, lize c livume ngokwalo uyilo lonyango lomxumi ngamnye.
Kwisimo esilungelelanisiweyo nesizingileyo igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kudibana nomonganyelwa obandakanyeka kumxumi ngamnye lize lihlole irekhodi lonyango ukuquka amanqaku enkqubela- phambili kwisimo esulungelelanisiweyo esifanele umsebenzi owenziwayo.
ISAHLUKO 3
UKUBA NGASESE, IMFIHLO NEEREKHODI
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kukhusela ulwazi oluyimfihlo olufunyenwe kukwenza, kukufundisa, kuphando okanye kweminye imisebenzi yobuchule, ngokuxhomeke kwizinxaxhi kuphela zeemfuneko zemfihlo ezimiselwe ngumthetho okanye inkundla yomthetho
Igcisa lenzululwazi ngengqondo lingaluxela ulwazi oluyimfihlo kubantu abenemvume eyazisayo nebhaliweyo kuphela yomxumi obandakanyekayo.
Ukuxoxa ngezinxaxhi kwimfuneko yemfihlo
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo lifanele ukuba lixoxe nabantu kunye nemibutho amisela kuyo/kubo ulwalamano lomsebenzi/lwenzululwazi (ukuquka okunokuthi kwenzeka xa umntu engenakukwazi ngokomthetho ukunika ulwazi olwazisayo kunye nabameli babo abasemthethweni) ngezinxaxhi kwimfuneko yemfihlo, ukuquka nasiphi isinxaxhi kwezo ezinokusebenza kwiqela, kukunyangwa kosapho okanye ukutshata okanye ukucebisana kombutho kunye nokusetyenziswa okunokubonwa ngenx' engaphambili lolwazi olufunyenweyo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuxoxa ngemfihlelo yolwalamano kwangoko nasemva kwangoko ukuba ngba iimeko zifuna ukuxoxwa kwalo ngaphandle kokuba kuyaphikisana oko.
Phambi kokwenza oko igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kufumana imvume kumxumi obandakanyekayo yokurekhodisha udliwano-ndlebe ngokombane okanye liya kuxelela umxumi ngengozi yokwaphulwa kwemfihlo okanye imfihlelo efunyenwe kukurekhodishwa ngombane okanye ukugqithiswa kolwazi.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuqinisekisa ukuba imfihlo nemfihlelo zigciniwe xa kubandakanywe umbane kwaye liya kuxelela umxumi ngamanyathelo athathiweyo wokugcina imfihlelo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kulufihla ulwazi kumxumi onelungelo kolo lwazi, ngaphandle kokuba aliaphuli lungelo lwemfihlelo laye nawuphi omnye umntu nangaphandle kokuba ulwazi oluceliweyo lufunelwa ukusebenzisa okanye ukukhusela naliphi ilungelo.
Imida kungenelo lwemfihlo
Igcisa lenzululwazi ngengqondo lingaxela kuphela ulwazi olubonwa njengolufanelekileyo kwinjongo yonxibelelwano olwenziwe nakweyiphi ingxelo ebhaliweyo, yomlomo okanye ukucebisana nomntu wesithathu kwaye lingaxoxa ngolwazi olufunyenweyo oluyimfihlo kumsebenzi walo kuphela kwiinjongo zenzululwazi okanye zomsebenzi kwaye kwakho kubantu kuphela abasemthethweni kuloo mibandela.
Ukuxela
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo lingaluxela ulwazi oluyimfihlo -
a ngemvume yomxumi obandakanyekayo kuphela;
b xa livunyelwe ngumthetho ukuba lenze oko kwinjongo esemthethweni njengokunika umxumi iinkonzo zomsebenzi/zobugcisa ezifunwayo;
c kumagcisa afanelekileyo kwakunye nakwiinjongo zomsebenzi kuphela;
d ukukhusela umxumi okanye abantu kwingozi; kunye e nokufumana intlawulo yenkonzo yobugcisa apho ukuxelwa kunyinwe kubuncinane ubufunekayo bokuzalisekisa loo njongo.
Xa lifunwa ukuba lenze njalo ngumthetho okanye yinkundla igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuxela ulwazi oluyimfihlelo ngokokufunwa kwalo.
Abaxumi abaninzi
 Xa abaxumi bengaphezulu kwesinye abanikwa inkonzo yenzululwazi ngengqondo ngexesha elihlangeneyo ( umzekelo usapho okanye abatshati okanye umzali nomtwana , okanye abaphikisi bomsebenzi okanye iqela) igcisa lenzululwazi lengqondo liya kucacisela onke amaqela indlela apho imfihlo iya kubaphathwa ngayo phambi kokuba liqalise ngenkonzo yobugcisa.
Bonke abaxumi ekubhekiselelwe kubo kumthethwana 1 baya kunikwa ithuba lokuxoxa negcisa lenzululwazi ngengqondo ukuba loluphi ulwazi oluya kuhlala luyimfihlo kwaye loluphi ulwazi ekufuneka luxeliwe ligcisa ngenzululwazi ngengqondo.
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kugcina engqondweni yalo ukuba imidla yabantwana enxulumene nokuziphatha ngokwenzululwazi ngengqondo kwalo mntwana ibaluleke kakhulu ekunikweni kweenkonzo zobugcisa.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo kufuneka linenkathalo eyodwa xa lisebenza nabantwana abaneminyaka eli-14 nangaphantsi.
Ekuqaleni kwenkonzo yobugcisa igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuxelela umntwana okanye umxumi onomomdli ngokwasemthethweni okanye oxhomekeke ngokwasemthethweni ngemida yomthetho ebekwe kwilungelo lemfihlo yomntwana okanye lomxumi ngokuphathelele kunxibelelwano lwakhe negcisa lenzululwazi ngengqomdo.
Ukukhutshwa kolwazi oluyimfihlo
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kukhupha ulwazi oluyimfihlo xa liyalelwe ukwenza oko yinkundla okanye xa lifuneka lenze oko ngumthetho okanye ligunyaziswe ukuba lenze oko ngokubhala ngumxumi obandakanyekayo okanye ngumondli oasemthethweni okanye ngumxumi omncinane.
Ukunika ingxelo yokuphathwa kakubi komntwana nabantu abadala abasenokwenzakala
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kunika ingxelo yako nakuphi ukuphathwa kakubi komntwana okanye umntu omdala onokwenzakala ngokuphathelele nakowuphi umthetho ofanelekileyo okanye ngokwemfanelo yalo yobugcisa.
Ukucebisana ngokobugcisa
 Xa igcisa lenzululwazi ngengqondo linika iinkonzo zpbugcisa njengenxalenye yeqela okanye xa lisebenzisana namanye amagcisa ngokuphathelele kwintlalo-mntle yomxumi igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kwabelana ngolwazi oluyimfihlo namanye amalungu eqela lamagcisa: Ngaphandle kokuba elo gcisa lenzululwazi ngengqondo lithathe onke amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba bonke abantu abafumana olo lwazi bayaxelelwa ngesimo salo semfihlelo kwaye babotshelelwa ngumthetho wemfihlelo yobugcisa.
Xa licebisana namaqabane igcisa lenzululwazi ngengqondo -
a alisayi kuluxela ulwazi oluyimfihlo olulindeleke ukuba lukhokele kukuchongwa komxumi, komthathi-nxaxheba kuphando okanye abanye abantu akanye umbutho elinolwalamano nabwo oyimfihlelo ngaphandle -
i lifumene imvume yomxumi kuqala, yomthathi-nxaxheba kuphando, yomntu okanye yombutho obandakanyekayo; okanye ii ukuxelwa akunakuphetshwa; okanye b lingaxela ulwazi kuphela xa luyimfuneko yokuzalisekisa iinjongo zokucebisana.
Ukufihla ulwazi oluyimfihlo olusetyenziselwe iinjongo zokufundisa nezinye
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kuluxela ulwazi oluyimfihlo kubhalo lwalo okanye kukufundisa kwalo okanye nangaphi indlela yasesidlangalaleni okanye luxele ulwazi olunokunxulumene nokuchongwa komntu olufunyenwe kuye ngexesha lokusebenza kwalo nomxumi, nombutho, nomthathi-nxaxheba kuphando, nomonganyelwa , nomfundi okanye nawuphi umamkeli weenkonzo zalo zobugcisa, ngaphandle kokuba-
a lithathe onke amanyathelo afanelekileyo okufihla ukuchongwa kwaloo mxumi, mbutho, mthathi-nxaxheba kuphando, monganyelwa , mfundi okanye omnye umamkeli;
b loo mxumi, mbutho, mthathi-nxaxheba kuphando, monganyelwa , mfundi okanye omnye umamkeli uvumile koko kuxelwa ngokubhala; okanye c kukho olunye ugunyaziso olusesikweni okanye olusemthethweni lokuba kwenziwe njalo.
Ukugcinwa, ukusasaza nokugcina iirekhodi
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuyila, kugcina, kwaye lisasaze iirekhodi nolwazi olunxulumene nomsebenzi walo wenzululwazi nowobugcisa ukuze-
a liququzelele ukunikwa kweenkonzo ezifanelekileyo lilo okanye lelinye igcisa;
b livumele ukukhutshelwa koyilo lophando nokucazulululwa;
c lifezekise iimfuneko zeziko;
d liqinisekise ucoselelo lokuthunyelwa kwe-akhawunti neentlawulo;
e liquuquzelele ungenelelo lobugcisa obulandelayo okanye umbuzo okanye f liqinisekise ukuthobela onke amalungiselelo omthetho afunekayo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kugcina imfihlo ekuyileni, ekugcineni, ekufikeleleni, ekugqithiseni nasekugqibeni iirekhodi eziphantsi kolawulo lalo nokoba ezi zigcinwe ngokubhala, ngokufakwa koomatshini okanye ngenye indlela.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kusebenzisa ukukhowuda okanye ubunye ubuchule ukuphepha ukuqukwa kweempawu zokuchonga umntu ukuba ulwazi oluyimfihlo oluphathelele kubasebenzisi beenkonzo zenzululwazi ngengqondo zingeniswe kwindawo yokugcina ulwazi okanye isixokelelwano serekhodi sifumaneka kubantu ekungafunekanga bafikelele kulo bengavunyelwanga ngumsebenzisi.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuyila ukuququzela kwangaphambili ugqithiso olufanelekileyo nokukhuseleko lwemfihlo yeerekhodi nolwazi kukungabikho kwalo kwiimeko ezifana nokufa, ukungabi namandla nokurhoxa ekusebenzeni
ISAHLUKO 4
UMRHUMO NOCWANGCISO LWEMALI
Ukuvuma okuphathelele kumrhumo
Kulungiselelo lomthetho wama- 36, igcisa lenzululwazi ngengqondo nomxumi okanye omnye umsebenzsis weenkonzo zenzululwazi ngengqondo benokuthetha-thethana ngomrhumo kwangoko kuluwalamano lobugcisa okanye lwenzululwazi.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kuzisebenzisela abasebenzisi beenkonzo zenzululwazi ngengqondo okanye abahlawuli ngokuphathelele kumrhumo.
Ucoselelo lokuthumela I-akhawunti
Igcisa lenzululwazi alisayi kuqwetha imirhumo yalo okanye i-akhawunti yeenkonzo zenzululwazi ngengqondo ezinikwe ngokungaphelelanga okanye ezingakhange zinikwe kwa ukunikwa.
Ukunyinwa
Ukuba ukunyinwa kulungiselelo lweenkonzo zenzululwazi ngengqondo kuqikelelwe ngenxa yokunyinwa kwemali igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuxoxa olo nywino nomxumi okanye nomnye umsebenzisi weenkonzo zenzululwazi ngengqondo obandakanyekayo kwangethuba ukuba kunokwenzeka.
Ukuqokelelwa komrhumo ongekahlawulwa
 Ukuba umxumi akahlawuli iinkonzo zenzululwazi ngengqondo ebekuvunyelwene ngazo nengcisa lenzululwazi ngengqondokwaye igcisa lenzululwazi ngengqondo linqwenela ukusebenzisa umenzeli okanye ukuthatha amanyathelo omthetho ukuba kuqokelelwe umrhumo ongekahlawulwa liya kuqala lixelele umxumi ngaloo manyathelo aya kuthathwa kwaye linike umxumi ithuba lokwenza intlawulo ekhawulezileyo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kusebenzisa kuphela umenzeli wokuqokelela obekekileyo kwaye obhalisileyo ngokuphathelele kumThetho wokuQokelela amaTyala, 1998 Umthetho No. 114 we-1998, kwaye alinakufaka umsebenzi wenzululwazi ngengqondo kwihlazo.
Ukufihla ulwazi, iingxelo okanye iirekhodi ngenxa yokungahlawulwa
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kufihla ulwazi, iingxelo okanye iirekhodi eziphantsi kolawulo lwalo olufunelwa ukunyanga umxumi obandakanyekayo okanye nasiphi isenzo senkundla ngenxa yokungahlawulwa.
 Igcisa liya kungenisa amabango e-akhawunti kwingxowa-mali yesithathu ochaza ngokucacileyo igama lomntu onike iinkonzo zenzululwazi ngengqondo.
Xa igcisa lenzululwazi ngengqondo lisongamela elinye igcisa ukuquka umfundi osafundayo, umcebisi obhalisileyo, i -psychometrist, igcisa lesicho okanye umfundi onike kuqala iinkonzo zenzululwazi ngengqondo uluhlu lwemali okanye/kunye nendlela yokubuyekezwa iya kuqulathwa ngumsayino wegcisa lenzululwazi ngengqondo njengomonganyelwa kunye nokusayina kwelinye igcisa njengombonelelo wenkonzo. Kusenokungabikho kungacaci ukuba ngubani onike ngqo iinkonzo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo lingananiselana kuphela ukuba -
a akuchasananga nokuchazwa bubugcisa;
b isiphumo socwangciso asisetyenziselwa; kwaye c yiyo yodwa indlela umxumi anakuhlawula ngayo inkonzo yenzululwazi ngengqondo enikiweyo.
Ukungavumi neenkonzo zexesha likaxakeka
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alinakungazivumeli iinkonzo zenzululwazi ngengqondo zexesha likaxakeka kuba umxumi engakwazi ukuqinisekisa intlawulo yezo nkonzo.
ISAHLUKO 5
IMISEBENZI YOHLOLO
Uhlolo kwimeko yobugcisa
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kwenza uvavanyo neenkonzo zokuxilonga kuphela kwimeko yolwalamano lobugcisa obuxeliweyo.
Uhlolo, iingcebiso, iingxelo kunye neenkcazelo zovavanyo nokuxilongwa kobugcisa ligcisa ngenzululwazi ngengqondo ziya kusekelwa kulwazi nobuchule ukungqinela okufunyanisiweyo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kunika kuphela ingcamango lweempawu zenzululwazi ngengqondo zomxumi emva kokuba lixilonge loo mxumi ngokobugcisa obanelisayo ukuxhasa ukufumanisa kwalo.
Xa uxilongo lubhekiselele kumthethwana 3 ungenakusebenza igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kubhala iinzame ezenziweyo kwaye liya kuxela impembelelo elindelekileyo yokunyinwa kolwazi kukuthembeka nokunyaniseka kwengcamango yalo nokunyina isimo kunye nobungakanani bokufumanisa kwalo.
Xa kusenziwa uhlolo lweqela igcisa lenzululwazi ngengqondo elibandakanyekayo liya kwazisa imida yokufamanisa kwalo kuthathelwa ingqalelo 'kwimida' yokuba isikora seqela sinokuthembeka nokunyaniseka okungaphantsi kunesikora esifunyenwe kumntu omnye.
Xa igcisa lenzululwazi ngengqondo lisenza uphononongo lweerekhodi nokuxilonga umxumi kungafuni ukuba kunikwe ingcamango igcisa liya kunyina ukufamanisa kwalo lithathela ingqalelo 'kwimida' yokuba isikora seqela sinokuthembeka nokunyaniseka okungaphantsi kunesikora esifunyenwe kumntu omnye.
Xa kusetyenziswa nasiphi isixhobo sombane, iI-intanethi okanye enye indlela emayana yohlolo igcisa lenzululwazi ngengqondo elibandanyekayo liya kwazisa oku kwaye linyine ngokufanelekileyo isimo nobungakanani beokufumanisa kwalo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo elivelisa, elilawula, elinika isikora, elitolika okanye elisebenzisa ngenye indlela ubuchule bohlolo lwenzululwazi ngengqondo, udliwano-ndlebe, iimvavanyo, izixhobo okanye amanyathelo abhekiselelwe emThethweni liya-
a kwenza ngendlela nangeenjongo ezifanelekileyo kuphando okanye kubungqina obuluncedo kwaye nokusetyenziswa okufanelekileyo kwezo methodi zohlolo; lize b liyeke ukusebenzisa kakubi ubuchule bohlolo, ukungenelela, iziphumo nokutolikwa kwaye lithathe onke amanyathelo afanelekileyo ukuthintela abanye kukusebenzisa kakubi ulwazi olunikwe zezo methodi ukuquka nokukhupha iziphumo zovavanyo ezingekalungiswa okanye ulwazi olungekalungiswa kubantu abangengobaxumi ababandakanyekayo abangafanelekanga ukuba basebenzise olo lwazi.
Ukuvuma okwaziswayo kuhlolo
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kufumana imvume yomxumi ebhaliweyo eyazisayo yeenkonzo zohlolo, zovavanyo nokuxilonga.
Imvume ebhaliweyo neyazisayo ekubhekiselelwe kuyo kumthethwana 1 iya kuquka ubuncinane oku kulandelayo:
a iinkcukacha zomxumi obandakanyekayo;
b esona simo seenkonzo zenzululwazi ngengqondo eziya kunikwa; kunye c nakuphi ukunyinwa kokufunyanwa kweenkonzozenzululwazi ngengqondo ngumxumi, umzekelo-
i ilungelo lomxumi lokwala ukuthatha inxaxheba;
ii izinxaxhi kwimfuneko yemfihlo; okanye iii naziphi iimpembelelo eziyingozi ezifunyenwe kukunikwa kweenkonzo zenzululwazi ngengqondo ezibandakanyekayo.
Imvume ebhaliweyo neyazisayo echazwe kumthethwana 1 ayiyomfuneko xa -
a uvavanyo luyimfuneko yomthetho;
b iimvume eyasizayo iyaqukwa kuba uvavanyo lwenziwe njengendlela yomsebenzi wemfundo, weziko okanye wombutho njengovavanyo lodliwano-ndlebe lomsebenzi; okanye c injongo yovavanyo eyenziwa ligcisa lenzululwazi ngengqondo kukuvavanya ukuthatha isigqibo kunye nokungabi namandla kwengqondo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuxelela umxumi ngobuchule obuthandabuzekayo kwimvume okanye uvavanyo lufunelwa bani ngumthetho, isimo nenjongo yeenkonzo zohlolo ezicetyiswayo, kusetyenziswa ulwimi oluqondwa ngokufanelekileyo ngumxumi ohlolwayo.
a Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kufumana imvume eyazisayo yomxumi yokusebenzisa itoliki xa kusetyenziswa iinkonzo zetoliki kwaye liya kuthatha onke amanyathelo afanelekileyo okuqinisekisa ukuba imfihlo yohlolo kunye nokhuseleko lovavanyo iyagcinwa lize lixoxe nangako nakuphi ukunyinwa kolwazi olufunyenweyo.
b Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuhlala liqonda imida yolwazi olufunyenweyo ngokusetyenziswa kwetoliki lize lenze izigqibo zalo nezindlululo ngokufanelekileyo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kufumana imvume eyazisayo yomxumi xa lisenza uvavanyo olusekelwe kwi-intanethi okanye kumatshini lize -
a liqinisekise ukuba imfihlo yeziphumo zovavanyo nokhuseleko lovavanyo ziyagcinwa; lize b lixoxe nomxumi ngako nakuphi ukunyinwa kolwazi olufunyenweyo.
Ukuvelisa uvavanyo
Igcisa lenzululwazi ngengqondo elivelisa lize lenze uphando ngeemvavanyo kunye nezinye iimethodi zohlolo liya kusebenzisa iinkqubo zenzululwazi kunye nolwazi lobugcisa langoku ekuveliseni uvavanyo, ekubekeni emgangathweni , ukunyaniseka, eukunciphiseni okanye ekushenxiseni umtsalane bucala kunye nakwizindululo zokusetyenziswa.
Ukwahlukana kwenkcubeko
Igcisa lenzululwazi ngengqondo elenza ungenelelo okanye ukulawula, elinika isikora, elitolikayo okanye elisebenzisa iimethodi zohlolo liya -
a kuziqhelanisa nokuthembeka, ukunyaniseka nokubeka emgangathweni okunonxulumano okanye izphumo zezifundo nokusetyenziswa ngokufanelekileyo kweemethodi elizisebenzisayo;
b kunakana imida yokuqinisekisa ukuba luluphi uxilongo , ukufunanisa okanye iingqikelelo ezinokwenziwa malunga nabanye nabanye apho kukho ukuguquguquka kolwimi, kwenkcubeko nakuqoqsho-ntlalo; lize c lenze yonke imizamo yokuchonga iimeko apho uhlobo oluthile lohlolo okanye imigangatho ingenakusebenza okanye kufuneka ulungiso lolawulo, lokunika isikora nokutolika kuba iimeko ezifana nobudala, inkolelo, ukuzalwa, umbala,, isazela, inkcubeko, ukukhubazeka, isifo, uhlanga, imvelaphi yentlalo, ulwimi, isimo somtshato, ukukhulelwa, uhlanga, ukuziqhelanisa nesini okanye imeko yentlalo-qoqosho.
Ukwazisa iziphumo
Igcisa lenzululwazi ngengqondo kufuneka liqinisekise ukuba ukwazisa iziphumo zeenkqubo zohlolo kumxumi, kumzali, kumondli ngokusemthethweni okanye komnye umntu ogunyaziswe ngokusemthethweni ufumana ezo ziphumo egameni lomxumi zikhatshwa luncedo lokutolika okufanelekiyo okanye yingcaciso enokufuneka.
Ulwazi ngabasebenzisi bobugcisa
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo elinika elinye igcisa inkqubo yohlolo kwinkonzo yokutolika kamatshini kufuneka lenze loo nkonzo ngokwezikhokelo zokwenza ezingcono zepsychometry ezisetyenziswayo ngelo xesha.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuchaza ngokucacileyo ukuba inkqubo leyo icetyiswa ukuba isetyenziswe phi kwaye kweyiphi injongo kwaye lichonge naziphi iziqinisekiso ezizodwa ezifunekayo zokulawula, zokunika isikora, nokuzitolika ngokufanelekileyo kwaye liqinisekise ukuba nakuphi ukwaziswa kwenkqubo yohlolo okanye inkonzo yokutolika ineyaniso kwaye iyachaza.
Ukutolika iziphumo zohlolo
 Xa igcisa lenzululwazi ngengqondo litolika iziphumo zohlolo ukuquka notoliko lukamatshini liya kuthatha ingqalelo yeemeko zovavanyo ezahlukeneyo neempawu zomxumi ohloliweyo ezifana nokwahlukana kwemeko, yakhe ulwimi nenkcubeko ezinganempembelelo kukugweba komxumi kwaye zinciphise ubunyaniso bokutolika begcisa lenzululwazi ngengqondo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo kufuneka libonise nakuphi ukuzibamba okucacileyo anako malunga nokucokiseka koltoloki lwalo.
Ukucacisa iziphumo zohlolo
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuqinisekisa ukuba ingcaciso yeziphumo inikwa ngolwimi eligqondwa ngokufanelekileyo ngumxumi obandakanyekayo okanye ngumntu ogunyaziswe ngokwasemthethweni uikuba afumane loo ngcaciso egameni lomxumi ngaphandle kokuba isimo solwalamano sicaciswe ngokucacileyo phambi kokuba umxumi abe nokuhlolwa ligcisa lenzululwazi ngengqondo elibandakanyekayo kwaye liqanda ukunika ingcaciso yeziphumo kukucebisa okuthile kombutho, phambi kokusetyenziswa okanye kukhuseleko nakwiimvavanyo zasenkundleni.
Nokokuba ulawulo, ukunikwa kwesikora nokutolikwa kovavanyo lwenziwe ligcisa lenzululwazi ngengqondo okanye ngabanye abasebenza phantsi kwegcisa lenzululwazi ngengqondo, okanye ziinkonzo zomatshini okanye zaphandle igcisa lenzululwazi ngengqondo elibandakanyekayo liya kuthatha onke amanyathelo ukuqinisekisa ukuba ingcaciso efanelekileyo yeziphumo iyanikwa.
Ukunika amanqaku ovavanyo neenkonzo zokutolika
Iigcisa lenzululwazi ngengqondo elinika amanye amagcisa uhlolo okanye iinkqubo zokunika amanqaku liya -
a kuchaza ngokuchanekileyo injongo, imigangatho, ukunyaniseka, ukuthembeka nokusetyenziswa kwenkqibo kunye nasiphi isiqinisekiso esifanelekileyo sokusetyenziswa kwazo: Ngaphandle koko igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuchaza ngokucacileyo imigangatho yolwimi, yenkcubeko nokunye nokuphi ukunyinwa kwemigangatho;
b khetha iinkonzo zokukorekisha nezokutolika ukuquka iinkonzo zoomatshini ngokusekelwe kubungqina bokunyaniseka nokuthembeka kweenkqubo kunye nokucinga okufanelekileyo; lize c kugcina imfanelo yokhuseleko olufanelekileyo, yolawulo, yokusebenzisa, yokutolika nokusetyenziswa kwizixhobo zohlolo nokokuba lilawula ngokwalo, liyakorekisha lize litolike eze mvavayo okanye lizebenzi iinkonzo zooomatshini okanye ezinye.
Ukukhutshwa kolwazi lovavanyo
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo linganika igcisa lenzululwazi ngengqondo okanye elinye igcisa elifanelekileyo ulwazi lovavanyo ngemvume ebhaliweyo eyazisayo yomxumi obandakanyekayo.
Iigcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kunikezela ngolwazi lovavanyo kumntu ongafanelekanga ukuba asebenzise olo lwazi ngaphandle -
a kokuba kufunwa ngumthetho okanye ngumyalelo wenkundla;
b kokuba yimvume ebhaliweyo eyazisayo yomxumi obandakanyekayo; okanye c kokuba kukumxumi obandakanyekayo; kwaye
Igcisa lenzululwazi ngengqondo lingayeka ukukhupha ulwazi lovavanyo ngokubhekiselele kumhlathana 2 ukukhusela umxumi walo kwingozi.
Iimvavanyo eziphelelwe lixesha neziphumo zeemvavanyo ezishiywe lixesha
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kusekela -
a uhlolo lwalo okanye izigqibo zongenelelo okanye iingcebiso kwiziphumo zovavanyo okanye ulwazi olushiywe lixesha kwinjongo ekhoyo; okanye b eso sigqibo okanye iingcebiso kwiimvavanyo namanyathelo aphelelwe lixesha kwaye akaloncedo kwinjongo yangoku kodwa liya kuqinisekisa ukuba iimvavanyo ezisetyenzisiweyo zihlelwe yibhodi kwaye ulungiselelo lwawo nawuphi umthetho okhoyo ofana nomThetho wokuLingana weNgqesho, 1998 Umthetho No. 55 of 1998, uthotyelwe.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuthatha onke amanyathelo afanelekileyo okugcinga ubulungisa nokhuseleko lweemvavanyo nobunye ubuchule bokuhlola buhambisana nomthetho nommiselo.
ISAHLUKO 6
IMISEBENZI YOKUNYANGA
Imvume eyazisayo kunyango
Xa kufunyenwe imvume eyazisayo kunyango njengoko kufunwa ziFomu zeMvume ezaZisayo eziseMgangathweni igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kunika umxumi obandakanyekayo ulwazi ukuquka isimo nexesha eliqikelelwayo lokunyanga, umrhumo, ukubandakanyeka komntu wesithathu kunye nemfihlo kwangethuba ukuba kunokwenzeka kulwalamano lonyango kwaye xa-
a lifumene imvume eyazisayo yomxumi yonyango oluquka imimandla evelayo apho ubuchule obuqondwayo neenkqubo zingakamiselwa igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuxelela umxumi ngesimo esivelayo sonyango, ngeengozi ezinokubakho, olunye unyangos olunokubakho kunye nesimo sokuzithandela sokuthatha inxaxheba komxumi; kwaye b ukuba igcisa lenzululwazi ngengqondo lingumqeqeshwa kwaye imfanelo esemthethweni yonyango olunikwayo lusezandleni zomonganyelwa umxumi uya kuxelelwa njengenxalenye yenkqubo yemvume eyazisiweyo ukuba ingcali yokunyanga ikuqeqesho kwaye yonganyelwe aze umxumi uya kunikwa igama likamonganyelwa .
Unyango lwabatshati okanye losapho
 Xa igcisa lenzululwazi ngengqondo livuma ukunika iinkonzo zenzululwazi ngengqondo kubantu ababini okanye abangaphezulu abanolwalamano njengabayeni namakhosikazi, abazali okanye abantwana igcisa lenzululwazi ngengqondo -
a liya kucacisa zisasuka ukuba ngowuphi kwaba abangabaxumi nolwalamano igcisa lenzululwazi ngengqondo oluya kuba nalo nomntu ngamnye b lingabizwa ukuba lisebenze kwiindima eziphikisanayo ezifana nengcali yokunyanga yosapho nanjengqina kwiinkqubo zokuqhawula umtshato; kwaye c liya kucacisa kwaye lilungise okanye lirhoxe kwiindima xa kufanelekile.
Ingcaciso ekubhekiselelwe kuyo kumthethwana 1a iquka ukuba indima yegcisa lenzululwazi ngengqondo kunye nokusebenza okulindelweyo kweenkonzo zenzululwazi ngengqondo ezinikwayo okanye ulwazi olufunyenweyo.
Unyango lweqela
Xa igcisa lenzululwazi ngengqondo linka iinkonzo zenzululwazi ngengqondo kubantu abaliqela kwimeko yeqela, the igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuchaza kwangoko iindima kunye neemfanelo zamaqela onke kunye nasiphi isinxaxhi kwimfuneko yemfihlo.
Unyango lwabo basebenzela abanye
 Ekugqibeni ngokunika iinkonzo zenzululwazi ngengqondo kwabo sele befumana iinkonzo zempilo yengqondo igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kucinga ngenyameko imibandela yonyango kunye nobukho bentalo-ntle yomxumi.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuxoxa ngemibandela echazwe kumthethwana 1 nomxumi onokubakho okanye umntu ogunyaziswe ngokwasemthethweni njengomxumi, umzali, umondli, igqwetha okanye umntu womthetho kwiinkonzo zoluleko okanye kwiindawo zobulungisa zolutsha ezifana nomzimi wokuguqula izimilo ukuze kunciphe ingozi yokubhideka nempixano, ukucebisana nezinye iinkonzo zababoneleli xa kufanelekile nokuqhubeka ngononophelo nangovakalelo kwimibandela yonyango.
Ukuba nobudlelwane bokwabelana ngesondo nabaxumi abakunyango lwangoku
A igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kuzibandakanya kubudlelwane bokwabelana ngesondo nangayiphi indlela (nokokuba kungelizwi, ngomzimba okanye zombini) nomxumi ekusetyenzwa ngaye.
Ukuba nobudlelwane bokwabelana ngesondo nezizalwane okanye nabanye ababalulekileyo babaxumi bangoku okanye nezigulana
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kuba nobudlelwane bokwabelana ngesondo nalowo waziwa njengomzali, njengomondli, njengomyeni okanye inkosikazi, omnye obalulekileyo, umntwana okanye isizalwane somxumi onyangwayo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo aliyi kuphelisa unyango ethintela ukwalelwa ngumthethwana 1.
Unyango kwabo babengabalingane ngokwesini
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kwamkela nawuphi umntu njengomxumi alilikhe lazibandakanya naye kukuthandana ngokwesini.
Ukuba nobudlelwane bokwabelana ngesondo nabo babekhe baba ngabaxumi
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kuzibandakanya kubudlelwane bokwabelana ngesondo nalowo wakhe wangumxumi kwiinyanga ezingama-24 emva kokuphela kolwalamano lobugcisa kwaye imfanelo ilele kwigcisa lenzululwazi ngengqondo elingena kulwalamano lwesini nalowo wayengumxumi emva kwexesha ukubonisa ukuba kwakungekho kusetyenziswa, kwaye lithathela ingqalelo iimeko ezifanel;ekileyo ukuquka -
a isigaba sexesha esiphelileyo emva kolwalamano lobugcisa obuphelileyo;
b isimo, ixesha, ubukhulu bolwalamano bobugcisa;
c iimeko zokuphela kolwalamano lobugcisa;
d imbali yomxumi;
e imeko yangoku yengqondo yomxumi;
f impembelelo engalunganga enokwenzeka kumxumi; kunye g nayiphi ingxelo eyenziwayo okanye izenzo ezithathwa ligcisa lenzululwazi ngengqondo ngexesha lolwalamano lobugcisa ezibonisa okanye ezimema ubudlelwane besini obunokwenzeka okanye ubudlelwaneo obuvusa umxhelo nomxumi.
Xa lingena kwingqesho okanye kulwalamano lwesivumelwano okanye apho abahlawuli beqela lesithathu bebandakanyeka, igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuthatha onke amanyathelo afanelekileyo okunika isisombululo esifanelekileyo nesisulungekileyo semfanelo yokukhathalela umxumi kwimeko apho umsebenzi okanye ulwalamano lwesivvumelwano luphela lithathela ingqalelo ebalulekileyo yokunika umxumi intalo-ntle.
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuphelisa iinkonzo zobugcisa ukuquka nonyango lomxumi xa kubonakala ukuba umxumi akasafuni nkonzo yabugcisa ebandakanyekayo okanye akunakufumana ngcedo okanye uyonzakaliswa kukuqhubeke naloo nkonzo yobugcisa.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo lingaziphelisa iinkonzo zenzululwazi ngengqondo xa lisongelwa okanye esinzakaliswa nangayiphi indlela ngumxumi, okanye ngabanye abantu abanolwalamano naloo mxumi kwiimeko apho ingcinga ecoselelweyo iya kunikwa kukuthunyelwa okufanelekileyo okanye kuyilo lwentlelo.
Ngaphandle apho kuqandwa izenzo zomxumi okanye zomhlawuli wesithathu, igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kunika ingcebiso phambi kokuphela kwaye licebise abanye ababoneleli ngeenkonzo ukuba kufanelekile.
ISAHLUKO 7
Ubuchule
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo elenza imisebenzi yomthetho-sycho ( Ukuquka iforenzikhi) efana nohlolo, udliwano-ndlebe, ukucebisana, iingxelo okanye ubungqina bengcali liya kuthobela onke amalungiselelo yale mithetho ide isebenze kulo misebenzi.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kusekela umsebenzi wayo womthetho-sycho kulwazi olufanelekileyo nakubuchule bommandla osekela loo msebenzi ukuquka ulwazi olulodwa oluphathelele kubantu abathile.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuqinisekisa ukuba uhlolo lomthetho-sycho, iingcebiso nengxelo ezisekelwe kulwazi nobuchule zanele ukunika ubungqina bokufunyanisiweyo.
Iingcamango ezichaziweyo
Igcisa lenzululwazi ngengqondo linganika iingxelo ezibhaliweyo okanye zomlomo zomthetho-sycho okanye ubungqina malunga kwiimpawu zenzululwazi ngengqondo zomxumi kuphela emva kokuba lenze uxilongo lomxumi olwaneleyo ukuxhasa ukufumanisa kwalo: Ngaphandle kokuba iinzame ezifanelekileyo ezifana nokuxilongwa zingenakwenzeka igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kucacisa impembelelo yolwazi lwalo olunyiniweyo kukuthembeka nokunyaniseka okanye kwiingxelo zalo nobungqina kwaye linyine isimo nobukhulu bokufumanisa kwalo ngokufanelekileyo.
Ukunyaniseka nokuthetha phandle
Kubungqina bomthetho-sycho nakwiingxelo igcisa lenzululwazi ngengqondo liya -
a kungqina ngokunyanisekileyo, ngokungagushi nangendlela engaguquguqukiyo ngeenkqubo zomthetho ezisebenzayo; kwaye b kuchaza ngobulungisa ukusekelwa kobungqina balo nezigqibo.
Iindima eziphikisanayo
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuphepha ukwenza iindima ezininzi ekunokubakho ukuphikisana kuzo kwimicimbi yomthetho-sycho.
Xa igcisa lenzululwazi ngengqondo linokubizwa ukuba lize kusebenza kwiinkqubo zomthetho ezingaphezulu kunesinye, umzekelo, njengomcebisi okanye ingcali yelinye iqela okanye njengengqina kubunyaniso liya kucacisa kwangaphambili okulindelwe kwindima yalo kunye naziphi izinxaxhi kwimfuneko yemfihlo ukuze liphephe ukufaka engozini isigwebo sobugcisa kunye nokungaqhutywa luluvo.
Ukugcina indima yobungqina bengcali
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuqaphela iimfuneko eziphikisanayo ezenziwa ngummiselo okanye zimfuneko zesixokelelwano senkundla kwaye liya kuzama ukusombulula ezo mpixano ngokwenza ukuba kwaziwe ukuzibophelela kwalo kule mithetho nokuthatha amanyathelo okusombulela loo mpixano ngendlela efanelekileyo.
Phambi kolwalamano
 Ulwalamano lobugcisa lwangaphambili nomxumi aluyi kungqanda igcisa lenzululwazi ngengqondo ekunikeni ubungqina njengengqina kwinyaniso obuvunyelwa yinkundla.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuthathela ingqalelo iindlela apho ulwalamano lwangaphambili olungaphembelela ngayo ukungaqhutywa luluvo lobugcisa okanye ingcamango nokuxela impixano engakho kumaqwetha okanye igosa elongameleyo nokokuba ngumxumi okanye asinguye.
Indima njengengqina kwinyaniso
 Xa igcisa lenzululwazi ngengqondo lifunwa yinkundla ukuba libe lingqina kwinyaniso igcisa lenzululwazi ngengqondo liyabophelelwa ngumthetho ukuba lazise ubungqina.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo lingazisa ukuthandabuza kwalo lokuvela njengengqina ngokuvela njengenqina phantsi kwenkcaso.
Nokokuba igcisa lenzululwazi ngengqondo livelile njengengqina phantsi kwenkcaso okanye alivelanga liya kuba lingqina elinyanisekileyo nelixelayo.
ISAHLUKO 8
IMISEBENZI NGOKUPHATHELELE KUKWAZISA NEZINYE IINGXELO ZOLUNTU
Ucoselelo kukumelwa kobugcisa
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi sanganisa iziqinisekiso zalo zobugcisa nangayiphi indlela ngokuphathelele kwimfundo, kumava okanye imimandla yobuchule.
A igcisa lenzululwazi ngengqondo salisayi kwenza zingxelo zingekhoyo, ezikhohlisayo okanye zobuqhinga ngokuphathelele -
a kwimfundo yalo, kuqeqesho, kumava okanye kubuchule;
b kwiziqinisekiso zemfundo okanye zoqeqesho;
c iincwadi zalo zesiqinisekiso d ukubandakanywa kumaziko kwimibutho okanye kumbutho wobugcisa;
e iinkonzo zenzululwazi ngengqondo elizinikayo;
f ukusekelwa ngokwekliniki okanye ngokwenzululwazi okanye iziphumo okanye iqondo lempumelelo yeenkonzo zalo zenzululwazi ngengqondo;
g imirhumo yalo; okanye h upapasho lwalo okanye okufunyaniswe kuphando.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo lingabanga kuphela isiqinisekiso njengencwadi yesiqinisekiso seenkonzo zenzululwazi ngengqondo ukuba eso siqinisekiso -
a safunyanwa kwiziko lokuqinisekisa lesizwe; okanye b senza isiseko sokubhaliswa kwalo yibhodi.
Iingxelo ngabanye
Igcisa lenzululwazi ngengqondo elibandakanya abanye ukuyila okanye ukwenza ingxelo yoluntu ephucula ukusebenza kwalo, iimveliso okanye imisebenzi liya kugcina iimfanelo zobugcisa bezo ngxelo kwaye -
a aliyi kubuyekeza abageshwa boshicelelo, beradiyo, betelevizhini okanye olunye uhlobo lonxibelelwano ngokupapasha kwiindaba into entsha;
b ukuba isaziso esihlawulweyo zibhekiselele kwiinkonzo zenzululwazi ngengqondo ezinikiweyo lelo gcisa lenzululwazi ngengqondo zipapashiwe ezo nkonzo kufuneka zichongwe okanye zigqondwe ngokucacileyo ngaphandle kokuba ezo nkonzo besele zibonakale kweso saziso;
c xa igcisa lenzululwazi ngengqondo linika icebiso okanye liphawula ngesifundo soluntu, ngomboniso, ngenkqubo yeradiyo, okanye kamabona-kude, ngokurekhodishwe kuqala kwiteyiphu, inqaku elishicilelweyo, into eposiweyo, i-intanethi okanye ukugqithiswa ngombabe okanye naluphi uhlobo lokusasa liya kuthatha onke amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba -
i elo cebiso okanye ukuphawula kusekwe kuncwadi olufanelekileyo lwenzululwazi ngengqondo nakukwenza kwaye aluguquguquki nale mithetho; kwaye ii abamkeli belo cebiso okanye ukuphawula akukhuthazi ukuba baqonde ukuba ulwalamano lwabo bumiselwe phakathi kwabo negcisa lenzululwazi ngengqondo elibandakanyekayo;
d aliyi kugqwetha ubungqina bomxumi wangoku okanye nawuphi omnye umntu onokwenzakala ngenxa yeemeko zalo ezithile ezinempembelelo engafanelekanga; kwaye e liya kuthatha amanyathelo kwangoko ukulungisa nakuphi ukugqwethwa kwalo olunokwenziwa ngabanye nakwesiphi isixhobo sokusasaza.
Ukugqwetha ngenkqu
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kuzibandakanya ngqo okanye ngomenzeli, kukuqwetha ngenkqu okungamenywanga kwishishini kubaxumi abakhoyo nabangakho okanye abanye abantu abanokwenzakala ngenxa yempembelelo engafanelekanga.
Ukwalelwa okuqulathwe kumthethwana 1 awulithinteli igcisa lenzululwazi ngengqondo ukuba-
a lizame ukumisela uqhagamshelwano olubini olufanelekileyo kwinjongo yokunceda umxumi; okanye b ukunika iinkonzo zenzululwazi zexesha likaxakeka, zentlekele okanye zokufikelela kuluntu.
Inkcazelo yokwabelana ngezimvo neenkqubo zemfundo
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo elibandakanyeka nesaziso, neflaya, nencwadana okanye isaziso esichaza indawo yokwabelwana ngezimvo, indawo ekudityenwe ngabafundi nootitshala bexoxa ngomba othile nenkqubo yemfundo engenazijongo namaqondo emfundo enomsila liya kuqinisekisa ukuba eso saziso, iflaya okanye incwadana zichazwe ngokufanelekileyo -
a abaphulaphuli ekujoliswe kubo ngokwabelana ngezimvo, ngokuxoxa komba othile okanye inkqubo;
b iinjongo zemfundo;
c abazisi;
d umrhumo obandakanyekayo; kunye e nezithintelo kukwenza njengokuba oko kwabelana ngezimvo, ukjuxoxa ngomba othile okanye inkqubo akuvumeli ukuba abantu babange ubuchule obungaphaya kobunikwe kobo bokwabelana ngezimvo.
Ukwabelana ngezimvo, ukuxoxa ngomba othile okanye inkqubo ngokubhekiselele kumthethwana 1 akuyi kwenza nayiphi imbonakalo kumntu ongabhalisanga nebhunga njengegcisa lenzululwazi ngengqondo ngoko oko kwabelana ngezimvo, isifundo okanye inkqubo kuya kukhokelela kukubhaliswa njengegcisa lenzululwazi ngengqondo.
ISAHLUKO 9
UKUFUNDISA, UKUQEQESHA NOKONGAMELA
Igcisa lenzululwazi ngengqondo elinemfanelo yeenkqubo zemfundo noqeqesho liya kufuna ukuqinisekisa ukuba loo nkqubo iyilwe ngobuchule kwaye inika imfundo noqeqesho olufanelekileyo kwaye ifezekisa iimfuneko zobuchule ebanga ukuba iyazinika kwaye iyazifezekisa.
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo elinemfanelo yenkqubo yemfundo neyoqeqesho liya kunika inkcazelo yenkqubo echanekileyo neyangoku, iinjongo zoqeqesho kwaye liya kumisela iinjongo zeemfuneko ekufuneka zifezekiswe ukungena nokwanelisa ukugqitywa kwenkqubo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo elibandakanyekayo liya kuqinisekisa inkcazelo yomxholo wenkqubo, iinjongo zoqeqesho kunye neenjongo zeemfuneko ekubhekiselelwe kuzo kumthethwana 1 ezisele zikho kubo bonke abanomdla.
Ucoselelo nokungaqhutywa luluvo ekufundiseni
Xa lizibandakanye ekufundiseni okanye ekuqeqesheni igcisa lenzululwazi ngengqondo liya -
a kwazisa ulwazi llwenzululwazi ngengqondo ngokuchanekileyo nangokungaquthwa luluvo okufanelekileyo; lize b linakaned igunya elinalo kubafundi, koomonganyelwa , nakubaqeqeshwa kwaye ngoko liya kwenza zonke iinzame ezifanelekileyo zokuphepha ukuzibandakanya kukuziphatha okuthoba abo bantu kwaye liya kuqinisekisa ukuba amalungelo omgaqo-siseko abo bantu ayaxhaswa.
Ukubhengeza komfundi okanye komqeqeshwa
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kufuna mfundi, monganyelwa okanye mqeqeshwa ukuba abhengeze ulwazi lwakhe ngokubhala okanye ngomlomo oluphathelele kwimbali yobuni bakhe, imbali yokuphathwa kakubi okanye ukungakhathalelwa, unyango lwenzululwazi ngengqondo, okanye ulwalamano nomzali, nomlingane okanye umnyeni okanye inkosikazi ngaphandle kokuba loo mfundi, loo momgameli okanye umqeqeshwa ingxaki zakhe zingagetywa ngokumthintela okanye ukwenza imisebenzi enxulumene nomsebenzi kwimeko enobuchule okanye ebangela isisongelo kuye okanye kwabanye.
Ukugunyaziswa komntu okanye unyango lweqela okanye imisebenzi yamava
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kubeka umntu okanye unyango lweqela okanye nowuphi umfundi njengemfuneko yenkqubo egunyazisiweyo.
Apho umntu opkanye unyango lweqela lucetyiswa kwinkqubo igcisa lenzululwazi ngengqondo elinxulumene naloo nkqubo liya kuvumela umfundi, umonganyelwa okanye umqeqeshwa inketho -
Ukuhlola ukwenza
Kulwalamano lwemfundo nolukongamela igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuzinzisa inkqubo efanelekileyo lokunika ingxelo umfundi, umonganyelwa okanye umqeqeshwa lize igcisa lenzululwazi ngengqondo livavanye loo mfundi, monganyelwa okanye umqeqeshwa kusekelwe kukwenza kwakhe kwiimfuneko zenkqubo ezinzisiweyo nefalekileyo kumiselwa ngokungaqhutywa luluvo kwegcisa lenzululwazi ngengqondo.
Ukuthandana ngokwesini nomfundi, nomonganyelwa okanye umqeqeshwa
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kuzibandakanya kulwalamano lwesini nomfundi, umonganyelwa okanye umqeqeshwa okwisebe lakhe, kziko lomenzeli okanye loqeqesho okanye lowo igcisa lenzululwazi ngengqondo linegunya lokumvavanya.
ISAHLUKO 10
UPHANDO NOPAPASHO
Ukuthobela umthetho nemigangatho
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuyila kwaye lenze uphando ngendlela ehambelana nemithetho kunye nemigangatho eyamkelekileyo yamazwe ngamazwe yokuphanda nabathabathi-nxaxheba abangabantu kunye nezilwanyana.
Imvume yeziko
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya -
a kufumana imvume ebhaliweyo kwiziko leendwendwe okanye kumbutho obandakanyekayo phambi kokwenza uphando;
b kunika iziko leendwendwe okanye umbutho ulwazi oluchanekileyo okanye izindululo zophando lwalo; lize c lenze uphando kwemithetho yokuziphatha yophando evunywe liziko okanye umbutho obandakanyekayo.
Iimfanelo zophando
Phambi kokwenza uphando (ngaphandle kophando olubandakanya uvavanyo olunomntu ongaziwayo okanye uqwalaselo eyenziwe ngokwendalo okanye uphando olufanayoe), igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kungena kuvumelwano nabathathi-nxaxheba bonke ukumisela isimo sophando neemfanelo zeqela ngalinye.
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kusebenzisa ulwimi oluqondwa ngokufanelekileyo ngumthathi-nxaxheba kuphando obandakanyekayo ekufumaneni imvume eyazisayo.
Imvume eyazisayo ekubhekiselelwe kuyo kumthethwana 1 iya kubhalwa ngokufanelekileyo kwaye ekufumaneni loo mvume igcisa lenzululwazi ngengqondo liya -
a kuxelela umthathi-nxaxheba isimo sophando;
b kuxelela umthathi-nxaxheba ukuba ukhulekile ekuthatheni inxaxheba okanye zokulandula ukuthatha inxaxheba okanye arhoxe kuphando;
c kucacisa iziphumo ezingabonwa zokulandula okanye zokurhoxa d kuxelela umthathi-nxaxheba ngeemeko ezibalulekileyo ezingalindeleke ukuba ziphembelele ukufuna kwakhe ukuthatha inxaxheba ezifana neengozi, ubunzima, iimpembelelo ezingafanelekanga okanye izinxaxhi kwimfuneko yemfihlo;
e kucacisa nawuphi umcimbi malunga nemibuzo yomthathi-nxaxheba;
f xa lisenza uphando nothathi-nxaxheba kuphando ofana nomfundi, ophantsi kwakhe, liya kuthatha inkathalo eyodwa yokukhusela loo mthathi-nxaxheba kwiziphumo ezingafanelekanga zokulandula okanye zokurhoxa kukuthatha inxaxheba;
g xa uthatho-nxaxheba lophando luyimfuneko yesifundo okanye ithuba lesiqinisekiso esisesinye liya kunika umthathi-nxaxheba inketho yeminye imisebenzi elinganayo; lize h kwimeko yomntu ongenamandla ngokwasemthethweni lokunika imvume eyazisayo-
i kunika ingcaciso efanelekileyo;
ii kufumana imvume yomthathi-nxaxheba; lize iii lifumane imvume efanelekileyo kumntu ogunyaziswe ngokwasemthethweni ukunika loo mvume.
Ngaphandle kwemvume eyazisayo
Phambi kokugqiba olo phando liyilwayo ( njengophando olubandakanya kuphela amaphepha emibuzo engaziwayo, uqwalaselo ngokwendalo, iintlobo ezithile zophando ngezibhalo ezibalulekileyo ezigcinwayo) lungafuni mvume yazisayo kumthathi-nxaxheba igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kucinga ngemithetho esebenzayo kunye nokuphonononga kweziko kwaye liya kucebisana namaqabane ngokufanelekileyo.
Imvume eyazisayo kuphando lwefilimu okanye kukurekhodisha
Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kufumana imvume eyazisayo kumthathi-nxaxheba obandakanyekayo phambi kwefilimu okanye yokumrekhodisha okanye nangayiphi indlela ngaphandle kokuba uphando luquka iinqwalaselo ngokwendalo kwiindawo zoluntu kwaye akuqikelelwanga ukuba ifilimu okanye ukurekhodishwa kuya kusetyenziswa ngendlela eya kubangela umthathi-nxaxheba abe nokuchongwa okanye enzakale.
Ukunika inkuthazo kubathathi-nxaxheba kuphando
Ekunikeni iinkonzo zobugcisa benzululwazi ngengqondo njengenkuthazo ukufumana uthabatho-nxaxheba lomntu kuphando igcisa lenzululwazi ngengqondo liya -
a kucacisa isimo sezo nkonzo kunye neengozi, ukuzibophelela nokunyinwa kokuzibandakanya; lize b linganiki imali engaphezulu okanye engafanelekanga okanye enye inkuthazo ukufumana abantu bokuthatha inxaxheba ingakumbi xa loo nkuthazo ingenza impembelelo engafanelekanga kuloo mntu uthatha inxaxheba.
Inkohliso kuphando
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kwenza sifundo esibandakanya inkohliso ngaphandle kokuba limisa ukuba ukusetyenziswa kobuchule benkohliso buzathuzelwe lixabiso lokusetyenziswa, lwemfundo nolwenzilulwazi lwesifundo esilindelweyo kunye nezinye iinkqubo ezifanelekileyo ezingasebenzisi iinkohliso ezingenakwamkela.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kukhohlisa umthathi-nxaxheba kuphando malunga nemicimbi ebalulekileyo enokuphembelela ukuthanda ukuthatha inxaxheba kwaloo mthathi-nxaxheba okufana neengozi zomzimba, ubunzim namava ovakalelo angonwabisiyo.
Nakuphi okunye ukukhohlisa okuyinxalenye yophawu loyilo nokwenza umfuniselo kuya kucaciswa ligcisa lenzululwazi ngengqondo kumthathi-nxaxheba kwangethuba xa kunokwenzeka mhlawumbi ekupheleni kokuthatha inxaxheba komthathi-nxaxheba kodwa kungabikho ekupheleni kophando.
Ukubuzisisa abathathi-nxaxheba kuphando
Ngaphandle kolibazisa igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kunika umthathi-nxaxheba ithuba lokufumana ulwazi olufanelekileyo malunga nesimo, iziphumo nezigqibo zophando lize igcisa lenzululwazi ngengqondo lizame ukulungisa nakuphi ukuqonda kakubi umthathi-nxaxheba anokuba nako lize -
a ukuba iinqobo ezisemgangathweni zenzululwazi nezobuntu zizathuzela ukulibaziseka okanye ukufihlwa kolo lwazi igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuthatha amanyathelo afanelekileyo okunciphisa ingozi yokwenzakala; okanye b xa igcisa lenzululwazi ngengqondo liqaphele ukuba iinkqubo zophando zonzakalise umthathi-nxaxheba liya kuthatha amanyathelo okunciphisa ukonzakala.
Ukukhathalela nokusetyenziswa kwezilwanyana kuphando
Igcisa lenzululwazi ngengqondo elenza uphando olubandakanya izilwanyana liya kuphatha ezo zilwanyana ngobuntu nangokwemigangatho yamazwe ngamazwe.
Ukunika ingxelo yeziphumo zophando
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kubumba ulwazi okanye iziphumo ezingekhoyo nakuluphi upapasho lokufunyenwe kuphando njengncwadi, ijenali yamanqaku okanye ingxelo yobugcisa yangaphakathi lize ukuba lifumanise iziphoso ezibalulekileyo kulo naluphi ulwazi olupapashiweyo lilungise ezo ziphoso ngokukorekisha, ngokurhoxa, ngeziphoso ezishicilelweyo okanye ngenye indlela efanelekileyo yokuypapasha.
Ukunyiba umbhalo womnye umntu
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kwazisa iinxenye ezinkulu okanye ziziqalo zomsebenzi womnye umntu okanye ulwazi njengolwalo nokokuba loo msebenzi okanye imvelaphi yolwazi icatshulwa ngamanye amaxesha.
Isiqinisekiso sokupapasha
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuba nemfanelo nesiqinisekiso ukuquka isiqinisekiso sombhali kuphela ukuba -
a ngumsebenzi enze kuwo okanye unikele;
b ngumbhali ophambili okanye ezinye iziqinisekiso zokupapasha ukuba ezi zibonakalisa ngokuchanekileyo igalelo lakhe lenzululwazi okanye lobugcisa kupapasho olubandakanyekayo ngaphandle kwewonga elikulo; okanye c yiminikelo emincinane kuphando okanye upapasho oluya kufanela ukubulelwa njengento ebhalwe emazantsi ephepha okanye ingxelo eyintshayelelo.
Ukuba nesikhundla kwiziko njengosihlalo wesebe lakuyi kunika igcisa lenzululwazi ngengqondo nasiphi isiqinisekiso sokuba ngumbhali.
Umfundi uya kudweliswa ngombhali ophambili kwinqaku elibhalwe ngabantu abaninzi ukuba elo nqaku lisekelwe ikakhulu kwikwithisisi yomfundi.
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kupapasha naluphi ulwazi ebelukhe lapapashwa ngaphambili njengolwazi lokuqala.
Umthethwana 1 awuthinteli ukuphindwa kokupapashwa kolwazi xa oko kuphindwa kokupapashwa kukhatshwa yimvume efanelekileyo yombhali wokuqala.
Ukwabelana ngolwazi
Emva kokuba iziphumo zophando zipapashiwe igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kulufihla ulwazi olusekele izigqibo zalo kwamanye amagcisa anobuchule afuna ukuqinisekisa amabango azimeleyo ngokuphinda kucazululwe nalawo anenjongo yokusebenzisa ulwazi kuphela kuloo njongo: Ngaphandle kokuba loo mfihlo ihamba nentlonipho yomthathi-nxaxheba kuphando iya kugcina kwaye amalungelo omthetho ngokuphathelele kwimfanelo yolwazi enganqandi ukukhutshwa kwalo.
Igcisa lenzululwazi ngengqondo elincoma ligxeke okungeniselwe ukupapashwa okanye umnikelo okanye isindululo sophando liya kuhloniphaimfihlo namalungelo emfanelo koko kungenisiweyo okubekwe ezandleni zabo kungeniswe kubo.
ISAHLUKO 11
UKUSOMBULULA IMICIMBI ESESIKWENI
Ukungaqiniseki ngemicimbi esesikweni
Xa igcisa lenzululwazi ngengqondo lingaqinisekanga nokokuba imeko ethile okanye isenzo singaphula le mithetho liya kucebisana nelinye igcisa lenzululwazi ngengqondo elinolwazi malunga nemicimbi esesikweni nekomiti esesikweni yenzululwazi ngengqondo yesizwe efanelekileyo okanye nelinye igosa elifanelekileyo ukuze enze isigqibo esifanelekileyo.
Impixano phakathi kwemikhwa esesikweni nomthetho
 Ukuba iimfanelo ezisesikweni zegcisa lenzululwazi ngengqondo ziphikisana nomthetho eloo gcisa lenzululwazi ngengqondo liya kwazisa ukuzibophelela kwalo kule mithetho lize lithathe amanyathelo ukusombulula impixano.
Ukuba impixano ibhekiselele kumthethwana 1 awunakusombulula igcisa lenzululwazi ngengqondo elibandakanyekayo liya kuthobela iimfuneko zomthetho.
Impixano phakathi kwemikhwa esesikweni neemfuno zombutho
Ukuba iimfuno zombutho elizibandakanye nawo igcisa lenzululwazi ngengqondo liphikisana nale mithetho igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kucacisa isimo sempixano, lenze kwaziwe ukuzibophelela kwalo kule mithetho lize xa kunokwenzeka lifune ukusombulula impixano ngendlela evumela ukuthobela okupheleleyo kwale mithetho.
Isisombululo esazisayo sokwaphulwa kwemikhwa esesikweni
Xa igcisa lenzululwazi ngengqondo likholelwa ukuba kukho ukwaphulwa okuninzi kwemikhwa esesikweni lelinye igcisa lenzululwazi ngengqondo,liya kuzama ukusombulula umcimbi ngokuwuzisa kwingqalelo yelo gcisa lenzululwazi ngengqondo ukuba isisombululo esazisayo sibonanakala sifanelekile kwaye ungenelelo alusayi kwaphula naliphi ilungelo lwemfihlo elinokubandakanyeka.
Ukunika ingxelo kukwaphulwa kwemikhwa esesikweni
 Ukuba isisombululo esaziswayo sokwaphulwa komkhwa osesikweni akufanelekanga okanye ukuba oko kwaphulwa akunakusonjululwa ngokufanelekileyo ngaloo ndlela igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kuthatha isenzo esifanelekileyo kuloo meko ngaphandle kokuba eso senzo singqubana namalungelo emfihlo ngendlela engenakusonjululwa.
Anasiphi isenzo esibhekiselele kumthethwana 1 singaquka ukubhekiswa kwikomiti yemikhwa yobugcisa efanelekileyo okanye kwiqabane ukuba lilamlle, lixolise okanye licebise ekuhambeni kwesenzo.
Ukunika ingxelo kukonakalisa iqabane
 Ukuba igcisa lenzululwazi ngengqondo likrokrela ukuba iqabane lonakaliswe ngokobugcisa ngenxa yokuphazamiso lwenzululwazi ngengqondo , ngokugula ngomzimba okanye ngokusebenzisa kakubi into liya kuxelela ikomiti yezempilo kwangexesha ukukhathazeka kwalo
Apho igcisa lenzululwazi ngengqondo lixelela ikomiti yezempilo ngokuchazwa ngumthethwana 1, ubungqina obunyanisekileyo abusayi kufunwa kuba igcisa lenzululwazi ngengqondo linokukhathazeka okunyanisekileyo.
Ikomiti yezempilo iya kuwucinga umcimbi ize iqalise uphando lilungu elifanelekileyo lebhodi.
Intsebenziswano nekomiti yemikhwa esesikweni
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo liya kunika intsebenziswano yalo eopheleleyo ngentlonipho kuphando lwemikhwa esesikweni , nakweyiphi inkqubo okanyeiimfuneko ezinxulumeneyo zebhodi kwaye kwiinjongo zolo phando neenkqubo okanye iimfuneko lenze inzame yokusombulula nawuphi umcimbi onxulumene nemfihlo.
Intsilelo ligcisa lenzululwazi ngengqondo yokusebenzisana njengoko kuchaziwe kumthethwana 1 iya kuba kukwaphula ngokwako imikhwa esesikweni.
Izikhalazo ezingafanelekanga
Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kufaka okanye likhuthaze ukufakwa kwesikhalazo semikhwa esesikweni esiya kuba yimfeketho kwaye esijolise ukwenzakalisa igcisa lenzululwazi ngengqondo ekufakwe ngalo isikhalazo endaweni ukukhusela uluntu.
Ukucalula ummangali okanye ummangalelwa
 Igcisa lenzululwazi ngengqondo alisayi kwalela nawuphi umntu unyango, umsebenzi , ukuqhubela phambili , unyuselo okanye imvume kwinkqubo yoqeqesho ngenxa yokuba loo mntu ebefake isikhalazo semikhwa esesikweni okanye bekufakwe isikhalazo ngaye.
Ukwalelwa okuchazwe kumthethwana 1 akulunqandi igcisa lenzululwazi ngengqondo ukuba lithathe inyathelo ngokusekelwe kwisiphumo sophando olubanjwe ngokuphathelele kwiSahluko IV somThetho.
 Ukuziphatha kwegcisa lenzululwazi ngengqondo okungenantlonipho, okungekho sikweni, ngokungakhathali okanye ngenkohliso okanye lisilele ukuzalisekisa imigangatho eyamkel;ekileyo ubuncinane nonokoyisa ukwenza kwenzululwazi ngengqondo kuya kuquka kodwa kunganyinwa nasiphi isenzo okanye ukwenza ukwaphula le mithetho, okanye umThetho okanye nayiphi imithetho eyenziwe phantsi komThetho kwaye esebenzayo kwigcisa lenzululwazi ngengqondo, okanye kwizaziso zebhodi okanye kwizisombululo zebhodi.
Ulungiselelo lomthethwana 1 uyasebenza kwigcisa lenzululwazi ngengqondo nakuye nabani ophantsi kolongamelo lalo.
Ibhodi iya kuba nengunya elibeka phezu kwayo nayiphi imvume enikwe kumThetho.
